Sibolekiswa iimali ezizalayo sikwatsityiswa neengcingo ngumasipala waseNelson Mandela.
Oku kuvakele ngethuba abasebenzi abasebenza ngengqesho engeso sigxina kulo masipala bebebambe uqhankqalazo phambi kwesakhiwo salo masipala esaziwa ngokuba yi Lillian Diedericks ngolwesibini.
Aba basebenzi bebexhentsa kule ndawo bekhalazela iimeko ezimaxongo abasebenza phantsi kwazo bekwabanga ukuvunywa kombutho wabasebenzi owaziwa ngokuba yiDemocratic Municipal and Allied Workers Union (DEMAWUSA) nabangamalungu awo ukuba usebenze ngokusesikweni ubaxoxela izinto zabo nomasipala.
Ongusekela sihlalo kulombutho uZoleka Sidlabane uthe la malungu abesenza uqhankqalazo asebenza njengabacoci, abo bahla benyuka ezilokishini befunda iimitha zamanzi emakhayeni, oonogada bakamasipala, nabasindisi bomi abasebenza kwiilwandle namadama alendawo.
Uhambise wathi ezona njongo zinkulu zokuba babelapho kukuvakalisa ilizwi labo nokushiya umyalezo kwibhunga ledolophu eliza kuhlala kwiintsuku ezimbalwa ezizayo ukuba liba bandakanye kwiingxoxo ezimalunga nohlalo lwabiwo-mali oluzakube ingumba ophambili kwizinto eziza kuphunyeleliswa apho kulo ntlanganiso.
Uthe ukuqeshwa kwabanye oonogada ababekade besebenza phantsi kwee khotrakhi akubaxolisi kuba ibe yinto ethethwa nje ngomlomo kungekho kutyikitywa kwamaphepha okuqeshwa isigxina.
“Lonto ke ithetha ukuthi lowo ngunomgogwana nje wokunyoyiselwa, ayiqhutywanga ngendlela eyiyo yonke lento”.Utshilo uSidlabane.
uThemba Millans ongfumfundi weemitha yena uthe basebenza phantsi kweemeko eziyingozi njengoko besiba zizisulu zokuleqwa nokutyiwa zizinja bekhuthuzwa nokukhuthuzwa.
“Kuthiwa masitsibe ucingo ukuba sifike emzini kungekho bantu, masihlawule izixhobo zokusebenza xa sikhuthuziwe”.Utshilo.
Uthe lo ngunyaka weshumi elinethoba ekulo msebenzi eszikhwelela ukusuka ekhaya ukuya emsebenzini nokusuka e ofisini esiya kwenza umsebenzi wakhe esamkela umvuzo oyi R1 400 00 ngenyanga.
Osisithethi salomasipala uMthubanzi Mnki uthe umasipala wakhe uzakuziqwalasela ngokuzilandela zonke izikhalazo zaba basebenzi.